


Iireceptionist zasehotele zisebenza iiyure ezide yaye zisenokuba semsebenzini ngoxa abanye abantu belele okanye bezonwabisa.
Iimeko zomsebenzi





Izifundo ozenza esikolweni
Xa ufuna ukusebenza ehotele, kufuneka ufumane iingcombolo ngezifundo onokuzenza wakuphumelela imatriki. Nantsi imibutho onokubhalela kuyo!




Amakhasi O1utsha
UMSEBENZI

Ukuba yireceptionist yehotele
lninzi into eyenziwa yireceptionist yehotele kunokuba ucinga! Ayigqibeli ngokwamkela iindwendwe kuphela. U-Ameetha Kewal, oyiAssistant Front Office Manager eHoliday Inn, usichazele ngalo msebenzi.

Xa usebenza kwiFront Office nguwe ojongene nokwamkela iindwendwe. Ungumntu wokuqala odibana neendwendwe xa zifika kwaye nguwe obonisa indlela eziza kuhlala ngayo ehotele. lnto ekufuneka umilisele ingqondo kuyo kukunika abathengi inkonzo engenachaphaza.

Ehotele usebenza noosomashishini beli nabamanye amazwe ngokunjalo nabakhenkethi. Lo msebenzi usenokuba nzima gqitha ngamathuba athile. Xa ufumana izikhalazo kufuneka uzisombulule ngenyameko. Umthengi uyahlawula ngenkonzo esimnika yona ngoko sifanele simanelise.
lreceptionist yehotele ayigqibeli ngokubhalisa abantu abafuna indawo nokuqwalasela izikhalazo zabantu. Mininzi imisebenzi eyenzayo. Abanye abatyeleli basenokufuna ukuqonda okuthile ngelizwe - iindawo ezithandwa ngabakhenkethi, imeko yelizwe, njalo-njalo. Xa uyireceptionist yehotele kufuneka ubanike iingcombolo ezichanileyo.
lmivuzo neemeko zokusebenza ziyashiyana ngokwehotele osebenza kuyo. Eyona nto iyingxaki kukuba maxa wambi uba semsebenzini ngoxa abanye abantu belele okanye bezonwabisa.


Xa ucinga ngokwenza lo msebenzi, zikho izikolo ezinokukuqeqesha kulo msebenzi. U-Ameetha usixelele ukuba igeography kufuneka uyenze ukuze ulazi kakuhle ilizwe IaseMzantsi-Afrika.

U-Ameetha ukholelwa ekubeni iBusiness Economics, iMaths neAccountancy zibalulekile. Zandinceda ndaqonda iimali zamanye amazwe nokwamkela imali emsebenzini wam. Yonke into yenziwa ngekhompyutha ngoko ukufunda ngekhompyutha kunokukunceda.

Kufuneka ube neMatriki ebuncinaneni ukuze uqeshelwe ukuba yisupervisor okanye umphathi kwihotele.

Ngaba unomdla kulo msebenzi? Bhalela isikolo esikufutshane esiqeqesha abasebenzi basezihotele.








Amakhasi Olutsha
IMISEBENZI







Abanye abantu bathi amakhwenkwe omelele yaye akrele-krele
kunamantombazana. Bathi amantombazana ayakhawuleza ukulila yaye
ayakhawuleza ukuba nomsindo. Ngaba zikho ezinye izinto ezinkulu ahluke
ngazo amakhwenkwe kumantombazana? UTyhila Ufunde uqwalasela izini
ezahlukeneyo, ukulingana kwazo nokuthetha nguMgaqo-siseko.

Amakhwenkwe
namantombazana



	W
 onke umntu uyazi ukuba	Akafani amakhwenkwe	Njengoko ndiyintombazana, ndiyazi
amakhwenkwe akafani	namantombazana. Ekhaya	ukuba andicingi ngokufana
	namantombazana. Ezinye izinto 	aniphathwa ngokufanayo. Xa	 namakhwenkwe. Thina sinezimvo
	abohluke ngazo ziyabonakala -	  inkwenkwe ifuna into ezahlukileyo. Amanye amakhwenkwe
	njengokuba amadoda akanayo 	ayifumana ngokukhawuleza	    acinga ukuba akrelekrele
	amabele yaye akakhulelwa.	   kodwa intombazana	  kunamantombazana xa bezama
	Kodwa zikho nezinto abohlekene	 kufuneka ilinde. Xa yenze	ukusinqatha, ndiyazi ukuba basoloko
	ngazo emzimbeni. Sibuze	 impazamo, intombazana	bezama ukusiqhatha. Ndicinga ukuba
	abantu abohlukeneyo ukuba	   igxoliswa ngaphezu	 ndikrelekrele kunamakhwenkwe.
	babona bengafani ngantoni	    kwenkwenkwe.	UThoblle Mdunga (one-15 leminyaka)
	nabanye abantu:	UNomonde Teyise(one-16	Ngaba uyavumelena nokutshoyo? Ngaba
	leminyaka)	amakhwenkwe akrele-krele, athetha
Amantombazana athetha
			kakhulu kunamantombazana? Ngaba
	gqitha kunamakhwenkwe.	 Amadoda aneengqondo	amantombazana alila ngaphezu
	Akakhathali ukuba athini.	ezivulekileyo. Anokucinga	kwamakhwenkwe? Ngaba zikho izinto
	Amantombazana ayathanda	ngezinto ezintsokothileyo.	abohlukene ngazo, ngaba zikho ezo
	ukwenza amaqela. Xa efuna	Amabhinqa acinga ngento	zinto? Ngaba sizalwa nazo nokuba
	  ukutsho into akonqeni	eyenzekayo ngelo xesha	siyazifunda?
	ukuyitsho. Amakhwenkwe
	ayathanda ukugcina izinto	kuphela. Akacingi ngezinto	Funda okutshiwo nguBuyani
	      ziziimfihlo.	     ezingekehli.	noNondumiso ngobomi ekhaya. Amabali
			abo basixelela ngokuba yinkwenkwe
	 U-B. Mthembu (one-14	 USizwe Njapha (one-18	nokuba yintombazana ekhulela kusapho
	  Iem!nyaka ubudala)	     lemianyaka)	oluqhelekileyo eMzantsi-Afrika.


AbakwaMondi Paper baviiyisana neBona ngempumelelo yeminyaka eiigama-40







IMISEBENZI
Umntakwethu mdala kunam - uneminyana engama-21. Abazali bangqongqo kakhulu ekhaya. Njengoko ndiyintombazana kufuneka ndibuye ekhaya ngentsimbi yesithandathu. Xa umntakwethu ebuye emva kwelo xesha akangxoliswa, kodwa mna ndiyangxoliswa, ndibuzwe ukuba Ndivela phi nokuthi Ubungaboni ukuba kusebusuku ngoku?
Xa sisekhaya nomntakwethu, kufuneka ndicoce ikhaya. Yena usebenza xa ethanda. Ndim ophekayo, kanti ndiyangxoliswa
ngabazali xa ndingalicocanga kakuhle ikhaya. Yena akangxoliswa tu.

lbali likaBuyani
Abazali bam balungile. Ndisabaphulaphula abakutshoyo. Akukho undinyanzelayo kubo ngento. Xa umama okanye utata endixelela into ndiyayenza. Kodwa abazali abawaphathi ngokufanayo amakhwenkwe namantombazana. Amantombazana kufuneka abuye ekhaya ngexesha elithile. Amakhwenkwe ayakwazi ukuphendula abazali babo.







Ibali likaNondumiso
U
 Buyani noNondumiso banamabali angaqhelekanga. Amantombazana aqala emancinane ukukhuthazwa ukuba agcine usapho aziqhelise nokuba ngoomama. Afundiswa ukugcina abantwana nokugcina ikhaya. Akothusi ukubona intombazana eselula ikwazi ukugcina abantwana bakowayo abancinane.

Ngaba kunjalo nasemakhwenkweni? Akudli ngakuba njalo! Amakhwenkwe ayakhuthazwa ukuba aqhube kakuhle ezikolweni yaye akagadwa kakhulu ngabazali. Kwakhona akhululekile ukuhamba nabahlobo bawo yaye afunde izinto ezahlukeneyo ngobomi bawo.

Ihlabathi elicalula ngesini
Kungani amakhwenkwe namantombazana engaphathwa ngokufanayo? Abantu abaninzi bacinga ukuba amakhwenkwe azalwa enamandla kunamantombazana. Bathi amakhwenkwe enza izinto ezininzi kunamantombazana. Bathi
amadoda kufuneka ayosebenza kanti amabhinqa kufuneka agcine iintsapho.

Kodwa ngabazali kuphela abacinga ngolo hlobo. Nokuba ungaya phi na uva abantu bethetha into enye. Nkqu nabaqeshi baqesha amabhinqa ukuba benze imisebenzi ethile kuphela - bathunge iimpahla, bacoce amakhaya bapheke nokutya. Abanye bade bawahlawule imivuzo ephantsi amabhinqa.

Uke uve kuthethwa ngocalulo lwesini? Xa abazali becinga ukuba amakhwenkwe asebenza ngaphezu kwamantombazana, sukuba becalula ngokwesini. linkampani ezihlawula imivuzo ephantsi kumabhinqa zicalul	a ngokwesini.

Zininzi izinto afana ngazo amantombazana namakhwenkwe. Amantombazana amaninzi anemisebenzi ayifundelayo -ubugqirha, ubugqwetha nokuba ziinjineli, Amaninzi akathandi ukuhlala ekhaya agcine abantwana. Amanye akakuthandi ukucoca nokupheka!
Umgaqo-siseko
Umgaqo-siseko omtsha uthi wonk 					umntu  uyalingana -nokuba ngowaluphi na uhlanga, inkolo okanye isini. Oko kuthetha ukuba abantu bezini ezahlukeneyo bayalingana. Wonk umntu ufanele alwe nocalucalulo ngokwesini ekhaya, emsebenzini nakwihlabathi jikelele!


Ipuzzle
Jonga ukuba ungayisombulula na le puzzle. Kungani ibe lapha? Jonga iimpendulo kwiphepha Ie
11.
Indoda nonyana wayo bahlelwa yingozi yemoto. Bobabini baleqiswa
esibhedlele. Ngelishwa utata uyasweleka. Unyana ubalekiswa kwindlu yokutyandela. Kungena ugqirha kwigumbi lokutyandela aze
athi Andinako ukumtyanda.
ISlgunyana wam.
Kungenzeka njani oko? Zama ukufumana unobangela!





IMISEBENZI
amakhasi Olutsha
Ngaba ucalula ngokwesini?
Zivavanye! Ngaba ucalula ngokwesini okanye ukholelwa ekubeni
abantu bezini ezahlukeneyo bayalingana. Kwicandelo ngalinye yenza
uphawu kwindawo oqondayo ukuba ivumelana nezimvo zakho.
Jonga amanqaku owafumeneyo!




1. Abazali bakho bathetha ngemithetho abafuna ukuyibeka ekhaya. Phawula imithetho ovumelanayo nayo.

amantombazana kufuneka
abuye ekhaya kungekabi mnyama (3)
kufuneka angezi nabafana ancuma nabo ekhaya (4)
wonk umntu kufuneka ancedise kwimisebenzi
yekhaya (1)
kufuneka kwenziwe umsebenzi wesikolo
rigaphambi kokuba kutyiwe (O)
rnabathotyelwe abazali (O)
ukulungisa isitiya ngumsebenzi
wamakhwenkwe (5)

umhlobo wakho ukuxelele ukuba uLindiwe ofunda naye kwaStd 7 ukhulelwe. Yintoni onokuyitsho kwezi zinto zilandelayo:

Ubefanele alumke. kufuneka asebenzise isithinteli-kumitha. (3) Amantombazana afaka amakhwenkwe emgibeni ngale ridlela. (5)
Imbi Ioo nto. Kuza kufuneka asiyeke isikolo. 

UKarabo noThabo bayathandana. Bobabini kokwesithathu bethandana nabantu. Phula

phula okutshiwo ngabahlobo babo. Ngaba yiyiphi into ovumelanayo nayo:

 UThabo kufuneka ahlukane nokarabo. Akaziphathanga kakuhle. Ulala namakhwenkwe aze awayeke. (5)
UThabo uyathandwa. uKarabo yintombazana yesithathu ithandana naye. (3)
 Ndiyathemba ukuba uthando lwabo luza kuhamba kakuhle.
4. UThemba noFikile benza isicelo somsebenzi omnye wokuba ngumphathi kwenye inkampani. Bobabini baneminyaka engama-30 yaye bayalingana ngemfundo. Abantu abaza kuchonga umntu owufaneleyo umsebenzi bathetha ngoyena ufanelekileyo. Jonga izimvo zabo. Zeziphi ozixhasayo?

	Sifanele siqeshe uThemba. KuluIa ukuphatha emdodeni. Azalwa ezithembile. (5)

	Sisigqibo esinzima esi. Kufuneka senze olunye uvavanyo lwabo bobabini ngaphambi kokuba senze
isigqibo. (O)
Akukho mntu uya kumthobela uFikile. Kunzima kwibhinqa ukunika imiyalelo.
(3)
5.	ULerato unonyaka esebenza kwinkampani yeenjineli. Usandul ukukhulelwa. Ubuya kuthini ukuba ubungumphathi kule nkampani:

 Sasifanele singamqeshi. Amabhinqa asoloko ezala. (5)

 Ndiyathemba ukuba wonwabile.
(2)
 Kufuneka sithethe naye ukuba singawunciphisa njani umsebenzi wakhe xa seza kubeleka. Oko kuya kumphunguleta umsebenzi. (O)



Kubhale uUna Seery kwafota uSally Giies nangoncedo lweiiii ewsp1pF.
1 O BONA XHOSA - November 1 96

	Esi sihlomelo sibbaiwe kwiMondi Rotogloss 55 gin2

	Esi sihlomelo sibbalwe kwiMondi Rotogloss 55 gm2

	bakwaMondi Paper bavuyisana neBona ngokonwabisa abafundi iminyaka engama-40

